Impophomobuciko yemiba yamabhinqa nesini kwimibongo echongiweyo yesiXhosa
Thengimfene, Anelisa
Olu phandonzulu luphonononga nzulu ukuzotywa kwamabhinqa kwimibongo yesiXhosa echongiweyo, kugxilwe kwimibongo ebhalwe ziimbongi ezingamadoda nabasetyhini, kubekwe umnwe kwimixholo yobugorha, ubutshantliziyo, ubunkokeli nobunina. Imibongo echongiweyo iquka: Umfikazi uCharlotte Mnyhi Maxeke ngokubhalwe nguSEK Mqhayi, A! No-Ndwe nguSEK Mqhayi, uMfikazi uNkskz uNozizwe Sigcawu nguDLP Yali-Manisi, Umfikazi uFrances Nonhi Mkencele nguSEK Mqhayi, A! Nosimo! NguS. Ngqongqwana, UNobomi nguSG Mama, Umfikazi uMbokazi nguSEK Mqhayi, kunye noUWinnie Madikizela-Mandela ngokubhalwe nguS Maputi. Le mibongo ityunjwe ngenxa yokuzoba abafazi kwiindima ezintsonkothileyo ezicel' umngeni izithethe zesini zemveli kwaye iqaqambise igalelo loluntu kunye nokuchasa okulindelweyo ngokwesini. Olu phandonzulu lujonge ukufumanisa ukuba indlela abazotywe ngayo abasetyhini inegalelo njani kwinguqu yentlalo kunye nokulingana ngokwesini.
Uphononongo lusebenzisa uphandontyilazwi ukuqokelela ulwazi, ngakumbi uhlalutyo lomxholo, ukuphanda amaqhinga olwimi kunye nezixhobo zoncwadi zesiNtu ezisetyenziswe kwimibongo. Le ndlela yenza ukuba umphandinzulu akwazi ukuphonononga nzulu ukuba obu buchule boncwadi bunegalelo njani ekuzotyweni kwabasetyhini kwimisebenzi ekhethiweyo. Uphononongo nzulu luqulunqwe phakathi kwezithako ezimbini: Ubufazi baseAfrika, obujongene nemiba yabasetyhini baseAfrika, kunye nesithako sesini, esinika imiba ebanzi yokuphonononga ukuhlangana kwesini, kubandakanywa iimbono zamadoda kunye nabafazi. Ekugqibeleni, olu phononongonzulu lunegalelo kwiingxoxo mpikiswano eziqhubekayo malunga nokumelwa ngokwesini kuncwadi lwesiNtu, ngakumbi kwimeko yesihobe sesiXhosa, lunika ulwazi oluxabisekileyo malunga nokukhula kwamabhinqa kwizithethe zoncwadi lwesiNtu.
↧